Amaqela amabini
abafundi baseLimpopo amele uMzantsi Afrika kuMjikelo wokuGqibela woKhuphiswano lweRobotics for Good Youth Challenge, obubanjelwe eGeneva, eSwitzerland.
Iqela iRobo-Kidz laseMashupye Tladi Primary School kunye neqela iRoborise laseBokamoso Senior Secondary School akhuphisana ukusukela ngomhla wesi7 ukuya kowe10 kweyeKhala kowama2026 ePalexpo International Exhibition and Convention Centre.
La maqela afikelele kumjikelo wokugqibela emva kokuphumelela kwimijikelo yokhuphiswano yasekuhlaleni, kwinqanaba lephondo nakwelikazwelonke. Iqela iRobo-Kidz laphumelela kudidi lwaBasaqalayo (Junior Category), logama iqela iRoborise laphumelela kudidi lwaBadala (SeniorCategory).
Inqununu yaseBokamoso Senior Secondary School, uTitus Satlau, ithe isikolo saqala sazibalula ngokugqwesa kukhuphiswano olwalubandakanya amaqela aphuma kumazwe akuMazantsi eAfrika.
“Sakhuphisana namazwe akuMazantsi eAfrika, saza sakhethwa njengesona sikolo siqhube kakuhle kakhulu kwicandelo lokukhowuda (coding) nerobhothikhi,” utshilo uSatlau.
Abafundi abasixhenxe abakwiBanga lesi8 ukuya kwele11 bachithe phakathi kweenyanga ezine ukuya kwezintandathu besenza irobhothi yezolimo.
“Senze iprojekthi ejolise kwicandelo lezolimo. Yenzelwe ukwenza ezolimo zisebenze ngendlela enempumelelo ngakumbi, ezi robhothi ziyakwazi ukunkcenkceshela izityalo zize zincede nesekukhawuleziseni imveliso. Endaweni yokuxhomekeka kumsebenzi wezandla kuphela, odla ngokuthatha ixesha elide, le robhothi iza kwenza kube lula ukwenza imveliso ekhawulezayo,” utshilo uSatlau.
Esi sikolo sobugcisa, esizinze eSeshego, sisebenza phantsi kweemeko ezinezibonelelo ezinqongopheleyo.
“Isikolo sethu sikuluhlu lweQuintile 3, nto leyo ethetha ukuba izibonelelo zethu zinqongophele. Izakhiwo zesikolo sethu zikwimeko embi ziyaphela, yaye sidinga iziseko zophuhliso ezifanelekileyo ukuze aba bafundi bakwazi ukufikelela ngokupheleleyo kumandla abo. Nangona esi sikolo sisidala, kodwa siqhuba kakuhle kwezezibalo, ezobunzululwazi nakwithekhinoloji,” utshilo uSatlau.
“Le mpumelelo linyathelo elikhulu kakhulu kuthi. Ukuqala kwethu sasingazange sicinge ukuba singafikelela kweli nqanaba. Kwaloo not yokuba aba bantwana bayamkele ngolangazelelo le projekthi isibonisa ukuba, ngezibalo, inzululwazi nethekhinoloji, abafundi bethu basenokuntingela kude ebomini,”
Inqununu yaseMashupye Tladi Primary School, uMercy Kgomo, ikhokele abafundi abathandathu besi sikolo sineminyaka engama36 ubudala, esikwiQuintile 3 nesikwaseSeshego.
“Le yimpumelelo enkulu kakhulu kuthi njengesikolo. Ndinotitshala ozinikeleyo, uMaphuthi Setumu, othanda ukukhowuda (coding) nerobhothikhi. Wenza umsebenzi omangalisayo nabafundi,”
Zombini iinqununu zibulele iSebe leMfundo esiSiseko (DBE) ngokuxhasa ngemali nangokulungiselela olu hambo ngeNkxasomali eyabelwe iMathematika, ezobuNzululwazi neThekhinoloji (Mathematics, Science and Technology Conditional Grant).
UMlawuli obambeleyo wezoNxibelelwano kwiSebe leMfundo esiSiseko (DBE), uTerence Khala, uthe le mpumelelo ibonisa ukubaluleka kokuqhubeka kutyalwa imali kwimfundo elungiselela ikamva.
“Aba bafundi babonisa kwiqonga lehlabathi owona mgangatho ubalaseleyo wemfundo yaseMzantsi Afrika. Impumelelo yabo ibonisa oko kunokwenzeka xa sityala imali kuyilo olutsha, ekufundiseni okusemgangathweni nakumathuba anentsingiselo anika ulutsha ithuba lokusebenzisa ulwazi lwalo ekusombululeni imingeni yehlabathi lokwenyani,” uvale ngelo uKhala.