ULebakeng
Mokhele (30), waseHarrismith kwiPhondo laseFree State, sisifundiswa esiselula esenze uphando olunceda ukuphucula ukufikelela kwamafama asakhasayo kwiimarike.
Ngoku ufundela isidanga seMastazi kwezoRhwebo (Master of Commerce) kuLawulo lwezoShishino kwiYunivesithi yaseFree State (UFS). Uphando lwakhe lugxile kwindlela izinto ezixhasa ikhonkco lonikezelo (supply chain) ezinokuphucula ngayo ukufikelela kwiimarike nokuphucula ukusebenza kwamashishini asakhasayo namashishini amancinane kakhulu ezolimo.
Ethetha neVuk'uzenzele, uMokhele uthe uhambo lwakhe kwezolimo lwaqala ngexesha wayefundela isidanga seBhatshela kwezoRhwebo (Bachelor of Commerce) kwiYunivesithi “Ndaqala ngokuthenga imifuno kwivenkile yakwaPick n Pay yalapha ekuhlaleni, ndiyiphinde ndiyipakishe, emva koko ndingene imizi ngemizi yasengingqini ndiyithengise. Ngala mava ndaye ndaqonda ukuba ukuvelisa ukutya kunexabiso elikhulu ngakumbi kunokukuthengisa nje kuphela. Oko kwandikhuthaza ukuba ndifunde ezolimo ndiziqalela kwezona ziseko ziphantsi kwezolimo,” utshilo.
Nangona engenalo uqeqesho olusesikweni kwezolimo, uMokhele uchithe iiyure ezininzi efunda iimipapasho yezophando neencwadi ukuze andise ulwazi lwakhe. Emva koko wandisa umsebenzi wakhe ukusuka ekuveliseni imifuno ukuya ekufuyeni imfuyo ephilayo.
Namhlanje, ulawula iBucks N Bucks, ishishini lezolimo elidibanisa iindidi ngeendidi zemisebenzi yezolimo, kuquka ukufuywa kweenkomo zohlobo lweBonsmara, iigusha zohlobo lweDorper nokuveliswa kwemifuno. Eli shishini lithengisa imifuno kubathengi basekuhlaleni, kwiimarike ezingekho sikweni nakubathengi abakwiindawo ezahlukeneyo zePhondo laseFree State. Amatakane eegusha athengiswa kwiindawo zokuxhela, logama amathole athengiselwa iifama zokutyebisa iinkomo. Ukusukela ngowama2024, uMokhele uqhuba ishishini lakhe kwifama enobukhulu obuziihektare ezili1 300.
Ukuza kuthi ga ngoku, eli shishini lidale umsebenzi omnye osisigxina namathuba emisebenzi ali12 exeshana, ngokuxhomekeke kumgangatho wemveliso. Likwadala namanye amathuba emisebenzi ngokungathanga ngqo ngokusebenzisa iinkonzo ezifumaneka kwabanye ababoneleli ngeenkonzo, ezifana nocwangcisomali neenkonzo zokucebisa amashishini.
UMokhele uthe ukufunda uLawulo lwezoShishino kwayitshintsha indlela ajonga ngayo ezolimo.
“Ezolimo azipheleli ekuveliseni ukutya kuphela. Zikwabandakanya ukwakha amashishini azinzileyo, ukudala amathuba emisebenzi, ukulawula umngcipheko nokuphuhlisa amakhonkco onikezelo asebenza ngokufanelekileyo,” utshilo.
Ukuxhasa amafama asakhasayo
Ngenxa yokuzimisela kwakhe ekuxhaseni amafama asakhasayo, uMokhele usebenzisana neCentre for Global Change (CGC) eseVrede ekuchongeni amafama anesakhono sokufikelela kwiimarike ezisemthethweni zeemveliso zezolimo.
Inkxaso enikezelwayo ibandakanya izithole, amagalelo emveliso, izixhobo zokulima, iingcebiso zobuchule, iinkqubo zokugonya imfuyo, ucwangciso lwamashishini, uncedo lokuthobela imimiselo, ulwazi ngeemarike kunye nokunxulunyaniswa kwamafama nabathengi.
“Injongo yethu ayikokuphucula imveliso nje kuphela, koko kukwakha amashishini ezolimo azinzileyo angakwazi ukukhuphisana kumakhonkco entengiselwano asemthethweni,” utshilo.
ICentre for Global Change (CGC) ixhase izifundo zikaMokhele yaza yanikezela ngenkxaso-mali efikelela kwi-R200 000 kwiprojekthi yaseVrede Farms.
UMokhele waphumelela emagqabini kwisidanga seBCom Honours kuLawulo lwezoShishino kwiYunivesithi yaseFree State (UFS). Waphinda wafumana ibhaso le-Allan Gray njengomnye wabafundi abaqhube kakuhle kakhulu kwicandelo lakhe lezifundo.
“Uphando lwam lwesidanga seMastazi luphonononga indlela ukwabelana ngolwazi, intsebenziswano, ukusetyenziswa kwethekhinoloji namandla olungiselelo lwezothutho (logistics) eziphucula ngayo ukufikelela kwiimarike nokuphucula ukusebenza kwamashishini amancinci ezolimo. Uninzi lwale migaqo sele ndiyisebenzisa kwimisebenzi yam yezolimo nakumalinge okuphuhlisa amafama,” utshilo.