EYEKHALA 2026 UHLELO 2

Ningazithatheli umthetho ezandleni zenu – iKomiti yaBaphathiswa ejongene noFuduko

Written by Neo Bodumela

IKomiti USihlalo weIMC nokwanguMphathiswa wezoBulungisa uMmamoloko Kubayi. Ifoto: GCISyaBaphathiswa ejongene noFuduko i-Inter-Ministerial Committee (IMC) ikugxeke kabukhali ukuziphatha okungekho mthethweni kwamaqela athile aqhuba ukuhlolwa kwezazisi zabemi abaphuma kwamanye amazwe abalapha eMzantsi Afrika.

Oku kulandela iingxelo zokuba kukho amaqela ebeqhuba ugqogqo emakhayeni nakumashishini ekurhaneleka ukuba kuhlala kuwo okanye kuqhutyelwa kuwo amashishini ngabafuduki abangenawo amaxwebhu asemthethweni.

Ethetha kutsha nje kwinkomfa noonondaba ebimalunga nofuduko, uSihlalo weKomiti yaBaphathiswa ejongene noFuduko (IMC) noMphathiswa wezoBulungisa, uMmamoloko Kubayi, uthe nangona abantu baseMzantsi Afrika benelungelo lokuqhankqalaza ngokuchasene nofuduko olungahambelaniyo nemithetho, kodwa zona izenzo zolwaphulomthetho azizukunyamezelwa.

“Oku akukho semthethweni, yaye amalungu oluntu athabatha inxaxheba kwezi zenzo ayalunyukiswa ukuba ayeke ukuzibandakanya nazo”.

“URhulumente uyaphinda uyagxininisa ukuba ulawulo lwemicimbi yokufudukela kwelinye ilizwe, kuquka ulawulo lwemida, ukugxothwa kweli lizwe nokubuyiselwa kumazwe abo ngendlela esemthethweni luxanduva lukaRhulumente qha. Akukho mntu okanye iqela eligunyazisiweyo emalizithathele umthetho ezandleni zalo okanye loyikise, ligrogrise okanye lisuse ngokungekho mthethweni nabani na kulo naluphi na- uluntu,” utshilo uKubayi ePitoli.

UMphathiswa ugxininise ukuba amagunya onyanzeliso lomthetho akulungele ukuthatha amanyathelo.

“Amagunya ethu onyanzeliso lomthetho awayi kuthandabuza ukuthatha amanyathelo ngokuchasene nabo baqhubeka nokuqhuba olu gqogqo lungekho mthethweni nokuhlola izazisi zabantu,” wongeze watsho.

Ngokunxulumene noku, uKubayi uthe ukusukela ngomhla wesi8 kweyeKhala kowama-2026, amagunya onyanzeliso lomthetho avule amatyala amalunga nama205, kwaza kwabanjwa abantu abamalunga nama350 abarhanelwayo.

“[Amanye] amatyala angama69 angaphantsi kophando, logama ali112 sele ephambi kweenkundla ngokunxulumene neziganeko ezibandakanya ukuziphatha okungekho mthethweni, ukoyikisa, ukuphembelela kunye namanye amatyala anxulumene noko”.

“URhulumente uza kuqhubeka ethatha amanyathelo angqongqo ngokuchasene nezenzo zolwaphulomthetho, ubulungisa obuzenzelwayo, ubundlobongela obuqhutywa esidlangalaleni, ukoyikisa, ucalucalulo kunye nazo naziphi na iinzame zokunyanzelisa ngokungekho sikweni imicimbi enxulumene nokufuduka,” utshilo eqinisekisa.

Ukubuyiselwa kumazwe abo nokugxothwa kweli lizwe

URhulumente uyaqhubeka nomsebenzi wokulungiselela ukubuyiselwa kwabemi bamanye amazwe kumazwe abo, ekhokelwa siSicwangciso saManqaku amaHlanu sokulawula ufuduko. Esi sicwangciso siqwalasela iinkxalabo zabantu baseMzantsi Afrika kwangaxeshanye sihlonipha imigaqo yamalungelo oluntu nesidima somntu.

“Sibone ukwanda okubonakalayo kwinani labemi bamanye amazwe abagxothiweyo kweli lizwe okanye ababuyiselwe kumazwe abo. Ukuza kuthi ga ngoku [ekupheleni kwemini ngomhla we11 kweyeKhala kowama2026], bangama53 449 bebonke abemi bamanye amazwe ebebephantsi kweenkqubo zokugxothwa kweli lizwe nokubuyiselwa kumazwe abo. Uninzi lwabo ngabemi baseMalawi, balandelwa ngabemi baseZimbabwe nabaseMozambiki”.

“Ngaphandle kokubuyiselwa kumazwe abo, iinkqubo eziqhelekileyo zokugxothwa kweli lizwe phantsi komthetho wezokufudukela kwelinye ilizwe nazo bezisahleli ziqhubeka. Ngenyanga yeSilimela kowama2026, bangama4 898 bebonke abagxothwe kweli lizwe [iMalawi – 1 929; iZimbabwe – 1 384; iMozambiki – 1 200; iLesotho – 342]. Kwakhona, kwisithuba esisusela ngomhla we14 kweyeSilimela kowama2026 ukuya kumhla wesi8 kweyeKhala kowama2026, bangama2 801 bebonke abagxothwe kweli lizwe [iMalawi – 910; iZimbabwe – 903; iMozambiki – 755; iLesotho – 187],” utshilo uKubayi. 

General
Share this page