EYEKHALA 2026 UHLELO 2

Umdlalo weqonga wabantwana ohlekisayo ufundisa ngokurisayikilisha

Written by Sihle Manda

Umdlalo omtsha Umdlalo weqonga wabantwana ohlekisayo ufundisa ngokurisayikilishaweqonga wabantwana uza kuzisa ukuhleka, ukufunda nokukhuthaza ukuqatshelwa kokukhuselwa kwendalo xa umdlalo othi Zweli and the Lemon Seed uqalisa ukuboniswa kwiKippies Fringe eMarket Theatre.

Lo mdlalo, oveliswe yiPhephanepeni ngokusebenzisana neThe Art Cave neMarket Theatre, uza kuboniswa ukususela ngowama30 kweyeKhala ukuya kowesi2 kweyeThupha 2026. Lo mdlalo ohlekisayo nonxibelelanayo ubhalwe waza walawulwa nguPhilile Ntimbane, kwaye usebenzisa uburharha, intshukumo kunye nokuthatha inxaxheba kwabaphulaphuli ukufundisa abantwana ngokurisayikilisha, ukulima, ukulwa nokulahla inkunkuma ngokungakhathali, kunye neengozi zokulahla inkunkuma ngokungekho mthethweni.

IMarket Theatre ithe lo mdlalo ulandela ibali likaZweli, “inkwenkwe yaselokishini enoburharha nethanda ukwenza imigilingwane”, ethunyelwe ukuba iyokuchitha iiholide kumakhulu wayo emva kokuba ebenengxaki esikolweni kwaye eyinkathazo nasekhaya. Ekude neWi-Fi nokutya okukhawulezayo, uZweli udibana nomfama omfundisa ngendalo nangoxanduva lokuyikhathalela.

Lo mdlalo ujolise ekufundiseni abantwana ngendima yabo ekukhuseleni indalo. IMarket Theatre ithe lo mdlalo “waphula umqobo Phakathi kwabadlali nabaphulaphuli” ngokumema abantwana ukuba babelane ngezimvo zabo zokurisayikilisha ngexesha lomdlalo.

Ngokusetyenziswa kwezixhobo ezimbalwa zeqonga kunye neentshukumo zomzimba, lo mdlalo ujolise ekushiyeni abantwana nezifundo abaza kuqhubeka bezisebenzisa nasemva kokuphela kwawo.

IMarket Theatre ithe, “kwihlabathi apho iingxaki zokusingqongileyo zingakwaziyo ukungahoyeki, lo mdlalo unika ababukeli abaselula into abanokuyenza ukuze babe negalelo ekukhuseleni indalo”.

UNtimbane uthe lo mdlalo uyimpendulo kwimfuno ekhulayo yemidlalo yeqonga yabantwana eMzantsi Afrika. “Kukho umsantsa omkhulu kwimidlalo yeqonga yabantwana eMzantsi Afrika,” utshilo uNtimbane. Wongeze ngelithi imidlalo yeqonga efundisayo inceda abantwana bakhumbule izifundo ezibalulekileyo nasemva kwexesha elide umdlalo uphelile.

UNtimbane ngumbhali wemidlalo yeqonga, umbhali wezikripthi kwakunye nomvelisi wemidlalo yeqonga onamava eminyaka eli16 kwicandelo lemidlalo yeqonga eMzantsi Afrika. Uneziqinisekiso zemfundo azifumene kwiYunivesithi yaKwaZulu-Natal nakwiYunivesithi yeThekhinoloji yaseThekwini. Usebenze neJoburg City Theatres kunye neThe Playhouse Company.

Ngowama2023, waseka iPhephanepeni (Pty) Ltd, eyayikhe yavelisa umdlalo othi Democrazy, umdlalo ohlekisayo ogxeka imeko yedemokhrasi eMzantsi Afrika.

Umdlalo othi Zweli and the Lemon Seed wawukhe waba yinxalenye yenkqubo yolingo yeBASA Grant 2.0, wawuboniswe kwilokishi yaseNgwelezane emantla eKwaZulu-Natal.

IMarket Theatre ithe abantwana bangalindela “ukuhleka, ukuthatha inxaxheba nokugoduka nezifundo abangasoze bazilibale.”

 

Amatikiti axabisa i-R100 yaye ayafumaneka kwaWebtickets.
Ngolwazi oluthe vetshe, tyelela iwebhusayithi www.markettheatre.co.za
General
Share this page