EYEKHALA 2026 UHLELO 2

Amandla okulwa intlupheko nokungalingani asezandleni zethu

Written by The Presidency: Republic of South Africa

NgoMgqibelo, Amandla okulwa intlupheko nokungalingani asezandleni zethuumhla we18 kweyeKhala, uMzantsi Afrika uza kumanyana namazwe ehlabathi ekubhiyozeleni uSuku lweHlabathi lukaNelson Mandela. Njengoko sisondela kolu suku, asicingi kuphela ngezenzo zenkonzo eziza kwenziwa zizigidi zabantu ngaloo mini, koko sikwacinga nangenjongo enzulu uMadiba awayenqwenela ukuba ifezekiswe xa kukhunjulwa umhla wokuzalwa kwakhe.

Ngowama2009, iNdibano Jikelele yeZizwe eziManyeneyo (United Nations General Assembly) yabhengeza umhla we18 kweyeKhala njengoSuku lweHlabathi lukaNelson Mandela. Olu yayingelolubhiyozo lwaseMzantsi Afrika olwathi nje lwakhethwa ngokuqatshelwa lihlabathi. Kodwa, luSuku lweHlabathi lokuThatha amaNyathelo olujolise ekusebenziseni ilifa likaMadiba ukujongana nemicelimngeni ejongene namazwe amaninzi ehlabathini, equka ukulwa nentlupheko, ukungalingani kunye nokungabikho kobulungisa.

Kulo nyaka, sibongoza wonke ummi woMzantsi Afrika ukuba asabele kolu bizo. Masinikele ngemizuzu yethu engama67 ngokwenza izenzo zenkonzo ezondla abalambileyo, ezithuthuzela abo bangamalolo okanye ezixhasa abantu abolu pheleyo. Masinikele ngezakhono zethu nangexesha lethu kwimibutho esebenzela uluntu lwethu yonke imihla. Ezi zenzo zibalulekile kuba ziyabutshintsha ubomi babantu.

Kodwa ke uMadiba wayekucacisile ukuba ukoyisa intlupheko ayisiso isenzo sesisa, koko sisenzo sobulungisa. Ngoko ke, ngolu Suku lukaMandela, masiphinde sizibophelele kulo msebenzi onzima kangaka wokuphelisa intlupheko nokungalingani kwilizwe lethu nakwihlabathi liphela.

Phakathi kwezinye izinto, oku kuthetha ukuguqula imigaqo namaziko alawula ezemali zehlabathi ukuze asindleke iimfuno zoqoqosho lwamazwe asakhasayo, ingabi zezamazwe atyebileyo nje kuphela. Kukwathetha nokuqinisekisa ukuba izithembiso ezenziwa kumazwe athwele owona mthwalo mkhulu weziphumo zotshintsho lwemozulu ziyafezekiswa kwaye ziyomelezwa.

Ngobongameli bethu beG20 kunyaka ophelileyo, sabeka umba wokungalingani njengomba ophambili kwiajenda yehlabathi. Ngoku sisebenzisana namanye amazwe namaziko ukuze kusekwe iQonga laMazwe ngaMazwe eliJongene nokuNgalingani (International Panel on Inequality), eliza Kubeka esweni ukungalingani kwihlabathi, livavanye oonobangela neziphumo zako, lize licebise ngemigaqonkqubo efunekayo ukuze kupheliswe oku kungalingani. Akukho lizwe linokukoyisa lilodwa ukungalingani; sifuna intsebenziswano yamazwe ngamazwe elungelelanisiweyo, esekelwe kumanyano nasekwabelaneni ngoxanduva.

Njengelizwe, kufuneka sisebenzise uSuku lukaMandela ukuvuselela kwakhona iinzame zethu zokulwa nentlupheko nokungalingani. Kufuneka siqhubeke nokutyala imali kwimfundo nakwezempilo zabantu bethu, sibeke phambili iimfuno zabo bahlupheka kakhulu kunabanye kunye nabo basesichengeni kakhulu. Kufuneka siqhubeke nokujolisa amandla nezibonelelo zethu ekomelezeni ukufunda kwasekuqaleni ezikolweni zethu nasekugqibezeleni uhlaziyo lwenkqubo yethu yophuhliso lwezakhono. Kwangaxeshanye, kufuneka siqhubeke nokwakha inkqubo yokhathalelo lwempilo ebonelela ngenkathalelo esemgangathweni kubo bonke abayidingayo, kungakhathaliseki ukuba bayakwazi na ukuyihlawulela okanye abakwazi.

Ukuze silwe nentlupheko nokungalingani, kufuneka siqinisekise ukuba imithetho nemigaqonkqubo yethu iyabakhusela abasebenzi, kananjalo siqiniseke nokuba imeko yethu yolawulo iyalukhuthaza utyalomali. Kwangaxeshanye, sibesiqhubeka nokuphucula inkqubo yethu yokhuseleko loluntu, nokunceda abantu bakwazi ukuzakhela iindlela zokuziphilisa, bafumane izakhono baze bafumane amathuba engqesho ngeenkqubo zethu zengqesho yoluntu nezentlalo.

Izenzo zenkonzo esiza kuzenza ngalo Mgqibelo azizompawu nje zokubonisa inkxaso kuphela, ingezizo neempawu ezinganxulumananga nomsebenzi onzima wokwakha amaziko omeleleyo, akhuthaza utyalomali nowokuguqula iinkqubo nemigaqonkqubo. Kodwa ziyinxalenye yeenzame ezifanayo.

Ngoko ke, ngolu Suku lukaMandela, njengoko sisebenzela uluntu lwethu, masiphinde siqinise ukuzimisela kwethu ukulwa nentlupheko nokungalingani, nto ezo ebezibangela ukuba iinkonzo ezinjalo zibe yimfuneko kwasekuqaleni.

UMadiba wasifundisa ukuba ukwakha uluntu olunobulungisa, olunenkathalo noluquka wonke umntu asingomsebenzi woorhulumente nje kuphela. Kodwa,ngumsebenzi wabantu abaqhelekileyo abenza izenzo ezingaqhelekanga zemfesane, zenkalipho nezokukhonza uluntu. Njengoko watshoyo uMadiba: “Ngoku kusezandleni zenu.”

Izenzo zenkonzo esiza kuzenza kule veki mazibe yinxalenye yesiseko esiya kwakhela kuso ilizwe elingcono nehlabathi elingcono lawo wonke umntu.

 

Lo myalezo wapapashwa okokuqala ngomhla we13 kweyeKhala kowama2026.
General
Share this page