Nangona
eneminyaka nje engama-23 ubudala, uElihle Stali welali yaseNxamkwana eMpuma Koloni utsala umdla kwihlabathi liphela ngenxa yoyilo olutsha olwenzelwe ukunceda abantu abangaboni kakuhle bakwazi ukuphila ngokuzimela nangakumbi ebomini babo.
UStali ngumseki noMlawuli oyiNtloko weSpectacles4TheBlind SA, inkampani eyenze iiglasi ezikrelekrele ezincediswa buBukrelekrele bokuZenzela (Artificial Intelligence – AI), ezikwaziyo ukuqaphela nokuchaza izinto ngelizwi. Esi sixhobo sixelela umsebenzisi waso ukuba yintoni na ephambi kwakhe, nto leyo emnceda ukuba ahamba-hambe kakuhle kwindawo akuyo ngokuzithemba nangokuzimela nangakumbi.
Okwangoku, ezi glasi zikrelekrele zisebenza ngesiNgesi, isiBhulu, isiXhosa, isiZulu nesiSuthu.
UStali uthethe neVuk'uzenzele emva nje kokusungulwa kweNyanga yeSizwe yezobuNzululwazi, ebibhiyozelwa kuyo yonke inyanga yeKhala phantsi komxholo othi, “Ezobuzululwazi, iThekhinoloji noYilo oluTsha zezabo Bonke Abantu.” Eli phulo lijolise ekukhuthazeni uluntu ukuba luqonde ngcono ezobunzululwazi noyilo olutsha.
Lo somashishini oselula usandula ukubuya eHong Kong, eChina, apho athe wathatha khona inxaxheba kukhuphiswano oludumileyo lweLeap Startup East njengomnye wamashishini asakhasayo ali150 aphambili ehlabathini awayekhethwe ukuba akhuphisane aze abonise iimveliso zawo.
La mava amnike ithuba lokudibana nabatyalizimali nabavelisi abanomdla wokuxhasa umbono wakhe.
“Emva kokuba ndinxibelelane nabatyali-zimali nabavelisi kulo mboniso, akhona amathuba okongeza ezinye iilwimi zamazwe ngamazwe kwesi sixhobo ukuze abantu abangaboni kakuhle kwihlabathi liphela nabo baxhamle kobu bugcisa,” utshilo uStali.
Nangona ebejongene nobunzima bokufumana inkxaso-mali yokwenza olu yilo lwakhe lufumaneke kwintengiso ngokupheleleyo, kodwa inkxaso ayifumene kuMasipala weSixeko saseBuffalo City yamnceda ukuba akwazi ukuya kulo msitho waseHong Kong. “Ekuqaleni bendingaqinisekanga ukuba ndiza kufika njani eChina,” utshilo.
“Ndagqiba ekubeni ndabelane ngebali lam kuTikTok, kulapho abantu abaninzi bachukumiseka khona. Bandikhuthaza ukuba ndiqalise iphulo lokuqokelela inkxaso-mali kwaBackaBuddy ukuze abo bandilandelayo bakwazi ukufaka isandla kuhambo lwam”.
“Eli kwaba lithuba elibaluleke kakhulu ebomini bam. Ndafunda kwiyunivesithi ethiywe ngegama likaTata Madiba, apho sasifundiswa khona ngezinto owayezimela neentanda-bulumko zakhe. Ukubona abantu baseMzantsi Afrika besamkela umoya woBuntu, bade baxhase nohambo lwam kwandenza ndathobeka kakhulu,” utshilo.
Isithembiso esamkhuthazayo
Umbono wokusekwa kweSpectacles4TheBlind SA wakhuthazwa ngumakhulu kaStali ongasekhoyo, owayengaboni kakuhle.
Esengumntwana, wayedla ngokumkhapha naphi na apho aya khona aze amncede kwimisebenzi yemihla ngemihla.
“Ndandisoloko ndikhawuleza ukuphendula xa endibiza,” ukhumbule watsho.
“Ndamthembisa ukuba ngenye imini, xa ndimdala, ndiza kwenza isixhobo esiza kumenza akwazi ukuhamba-hamba ngaphandle kokuxhomekeka komnye umntu.”
Nangona umakhulu wakhe wasweleka engakhange alibone elo phupha lizaliseka, uStali usaqhubeka nokuzimisela ukusizalisekisa eso sithembiso.
“Namhlanje, ndinethamsanqa lokuba nolwazi nezakhono endizidingayo ukuze ndifezekise elo phupha ndandinalo ndisengumntwana,” utshilo. Nangona kunjalo ke, uhambo lwakhe alukhange lungabinayo imiqobo.
UStali zange akwazi ukuqhubekeka nezifundo zakhe zesidanga seBhatshela yezoRhwebo kwiNzululwazi yeeKhompyutha neeNkqubo zoLwazi (Bachelor of Commerce in Computer Science and Information Systems) kwiYunivesithi yaseNelson Mandela ngenxa yeengxaki zemali.
Ucacise wathi waphulukana nenkxaso-mali esuka kwiNkqubo yeSizwe yeNkxaso-mali yaBafundi (NSFAS) emva kokutshintsha icandelo lakhe lezifundo ukusuka kwisidanga seBhatshela seNzululwazi (Bachelor of Science) waya kwisidanga seBhatshela kwezoRhwebo (Bachelor of Commerce).
Lo mcelimngeni unxulumene noMthetho weN+ weNSFAS, obeka umda kwinkxaso-mali kangangexesha elilingana nobude obumiselweyo besidanga, kunye nonyaka omnye okanye emibini eyongezelelekileyo.
Nangona ejamelene nalo mqobo, uStali usazimisele ukugqiba izifundo zakhe ngo2027.
“Andizange ndingaphumeleli nesinye isifundo kwizifundo zam, yaye loo nto iyandikhuthaza ukuba ndigqibe oko ndakuqalayo,” utshilo.
Ukuqatshelwa ngenxa yoyilo lwakhe olutsha
Uhambo lukaStali kwicandelo loyilo olutsha lwaqala esesesikolweni. Ngowama2019, esengumfundi weBanga le11, waphumelela ukhuphiswano lommandla lweEskom Expo for Young Scientists esebenzisa kwalo mbono mnye, owathi kamva wakhula waba yiSpectacles4TheBlind SA.
Nangona engazange aphumelele kukhuphiswano lukazwelonke, kodwa ingxelo awayifumanayo yamkhuthaza ukuba aqhubeke ephuhlisa lo mbono.
Ukuzingisa kwakhe kwaba neziqhamo. Kuba kaloku ngonyakawama2023, kunyaka wakhe wokuqala efundela isidanga seBhatshela kwezoRhwebo (Bachelor of Commerce), uStali waphumelela ibhaso leLona Cebo loShishino liYilwe ngokuNtsha (Best Innovative Business Idea) kukhuphiswano lukazwelonke lweEntrepreneurship Development in Higher Education Intervarsity Competition.
Le mpumelelo yayibaluleke ngakumbi kuba wayekhuphisana nabafundi beHonours, abeMastazi nabeePhD ababevela kumaziko emfundo ephakamileyo kwilizwe liphela.
“Yandikhuthaza kakhulu kwaye yandisa nokuzithemba kwam,” utshilo. “Ukukhuphisana nabafundi abasele bekwimfundo yezidanga zasemva kwesidanga ndize ndiphumelele kubo kwandibonisa ukuba umbono wam unamandla okuphumelela. Oko kwandikhuthaza ukuba ndiqhubeke nokuthatha inxaxheba kumakhuphiswano nokukhangela amathuba okukhulisa ishishini lam.”
Ukusukela ngoko, uStali uye waqhubeka e fumana ukuqatshelwa ngomsebenzi wakhe, kuquka nokukhethwa njengomnye wabagqatswa abali12 bokugqibela kukhuphiswano lweGordon Institute of Business Science (GIBS) Festival of Ideas.