Okwakuqale
njengengcamango yeshishini lomfundi ngowama2019, ngoku kukhule kwaba lishishini lezolimo elisakhasayo nelidala amathuba emisebenzi, livelisa ukutya, lize lixhase uphuhliso lwamaphandle eQwaQwa, eFree State.
I-MS Construction and Projects yasekwa ngomhla we12 kweyeThupha kowama2019 nguMatsae Tsotetsi noMolingoane Morwa Phillimon ngexesha bobabini babefunda kwiKhampasi yaseVaal Triangle yeYunivesithi yaseNorth-West.
Ngelo xesha, uTsotetsi wayekunyaka wakhe wokugqibela efundela ezoBalomali (Financial Accounting), logama uPhillimon wayekunyaka wakhe wesibini efundela uLawulo loLuntu noLawulo lukaRhulumente (Public Management and Governance).
“Le nkampani sayithiya igama elithi MSC Agri Construction and Projects kuba sasinenjongo yokusebenza kwicandelo lolwakhiwo kwezolimo,” utshilo uPhillimon.
Kodwa ke, abasunguli bale nkampani bakhawuleza baqonda ukuba ezolimo zinokunceda kakhulu ekujonganeni nemingeni ejongene nendawo ababevela kuyo.
“Saye saqonda ukuba ngenxa yezinga eliphezulu lentswelangqesho kwindawo esivela kuyo eQwaQwa, eyindawo yasemaphandleni, uninzi lwabafundi abaphumeleleyo luye lwafudukela kwiidolophu ezinkulu luyokukhangela amathuba angcono,” utshilo. Uhambo lwabo kwezoshishino aluqalanga efama, kodwa lwaqala ngevenkile encinci eyayithengisela abafundi iikota.
“Senza imali eninzi ngelo shishini,” utshilo uPhillimon. Loo mpumelelo yabanika ukuzithemba baze bangena kwezolimo, besebenzisa ulwazi namava kwezolimo asuka kusapho lukaPhillimon. Bafudukela eQwaQwa, apho baqalisa khona ukulima imifuno kwisitiya esingasemva kwendlu. Kamva baqhubela phambili baya kulima kwisiqwengana somhlaba esiyihektare enye ekwakungesika yisemkhulu kaPhillimon, apho ootatomkhulu noomakhulu bakhe babelima khona ukuze baziphilise.
“Ukusuka kuloo hektare inye, sakwazi ukufumana inkxasomali kwiSAB Foundation. Saphinda saba yinxalenye yeNkqubo yeSAB Tholoana neZiko loShishino laseMaluti (Maluti Incubation Centre),” utshilo uPhillimon. Ukususela ngoko, le nkampani iye yaqatshelwa njengelinye lamashishini aphumeleleyo kwiZiko loShishino leKholeji yeTVET yaseMaluti.
Eli shishini liye landisa imisebenzi yalo yaquka nokufuya iinkukhu neehagu.
“Sele siqalile ukwakha iihoko zeenkukhu zethu eziza kukwazi ukugcina iinkukhu ezizalela amaqanda angama5000 kumjikelo ngamnye wemveliso,” utshilo uPhillimon.
Ngoku eli shishini lilima kwiihektare ezintandathu zomhlaba okwindawo yenkosi, ukongeza kwisiqwengana salo sokuqala esiyihektare enye. UMasipala waseMaluti-a-Phofung ubonelele ngoomatshini, kuquka umatshini wokwemba umhlaba (excavator), ukuze zisetyenziswe xa kulungiselelwa umhlaba wokulima.
ISebe lezoLimo, uPhuhliso lwaMaphandle neMicimbi yokusiNgqongileyo laseFree State likwabonelele ngenkqubo yokuhanjiswa kwamanzi, imithombo emithathu (boreholes), ucingo, izindlu ezimbini zoonogada kunye nendawo yokugcina impahla.
Ukusukela ngowama2022, eli shishini lidale amathuba emisebenzi yethutyana angaphezu kwama640 ngentsebenziswano neNgxowamali yeNgqesho yoLuntu (Social Employment Fund) kunye neAfrican Conservation Trust. La mathuba emisebenzi ahlala malunga neenyanga ezili10 ngonyaka.
Namhlanje, iMS Construction and Projects ithengisa imveliso
yayo kwiivenkile ezinkulu, ezikolweni, kwizikhululo zamapolisa, kwiikliniki
nakubathengi ngokuthe ngqo.