Ngaphezu
kweminyaka engama50, iGrassroots Educare Trust ibinceda ekubumbeni ubomi babantwana abakwiindawo zoluntu ezisesichengeni.
Yasekwa ngowe1972, iGrassroots Educare Trust izakhele igama eNtshona Koloni naseMntla Koloni, apho igxile kuPhuhliso lwaBantwana aBasaKhulayo (ECD) kunye nokuxhasa abasebenzi bokhathalelo lwabantwana ngokubaqeqesha nangokubacebisa.
EPlettenberg Bay, eNtshona Koloni, lo msebenzi ukhokelwa ngumphuhlisi woluntu uNomvuzo Funani, okholelwa ukuba wonke umntwana ufanelwe ukufumana ukhathalelo, ukhuseleko nethuba lokufunda.
“Ndandifuna ukuba ngumntu okwaziyo ukunceda umntwana akhule aze abe ngumntu ozithembileyo nowomeleleyo,” utshilo.
KuFunani, imfundo isisixhobo esinamandla esinokukhusela abantwana, sibancede bakhule size sidale namathuba ekamva eliqaqambileyo IGrassroots ikholelwa ukuba ukukhulisa abantwana abaselula luxanduva loluntu lonke, kwaye uPhuhliso lwaBantwana abasaKhulayo (ECD) olukumgangatho ophezulu lunganikwa kwiindawo ezahlukeneyo, kuquka emakhaya, kumaqela okudlala nakumaziko e-ECD.
“Xa sithetha nge-ECD, sithetha ngayo nayiphi na indawo apho abantwana abaselula bafumana khona ukukhula okunempilo, okunenjongo nokubakhuthazayo, nokuba ngaba kusekhaya, kwiqela lokudlala okanye kwiziko le-ECD. Ukuxhobisa uluntu ukuze lukwazi ukubonelela nge-ECD kusisiseko sefilosofi yethu.
“Iinkqubo zethu zoqeqesho zibhaliswe ikakhulu kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department – WCED). Ezi nkqubo zoqeqesho zijolise ekuqinisekiseni umgangatho kumaziko e-ECD nakwiinkqubo eziqhutyelwa ngaphandle kwamaziko e-ECD, ngokuzisa ucwangco kumagumbi okufundela nakwimisebenzi yemihla ngemihla yootitshala neenkokeli zamaqela okudlala,” utshilo uFunani.
ITrust ikwabonelela ngoqeqesho kulawulo lwamaziko nolawulo lwemali ukunceda amaziko emfundo yabasaqalayo akwazi ukusebenza ngokufanelekileyo, abe nemigaqonkqubo eyomeleleyo, iinkqubo ezifanelekileyo zolawulomali, kwakunye nezivumelwano zengqesho neenkcazo zemisebenzi ezicacileyo zabasebenzi.
“Umbono wethu asikokulungiselela abantwana isikolo kuphela, koko kukunceda ukukhulisa ulutsha oluzithembileyo nolunyamezelayo nolunokwakha uluntu olomeleleyo kwixesha elizayo.”
Inkxasomali evela kwiArhente yoPhuhliso yeSizwe (NDA) iyomelezile imisebenzi yeTrust ePlettenberg Bay, nto leyo eyenze yakwazi ukufikelela kwiinkokeli ezininzi zamaqela okudlala, ukuxhasa amaziko okhathalelo lwabantwana ekuthobeleni imimiselo, nokubonelela ngezibonelelo ezifana nezixhobo zokufunda zabantwana kunye neegadi zokulima ukutya.
“Le nkxaso ibaluleke ngakumbi kwiindawo apho ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi, intlupheko neemeko zamakhaya ezingazinzanga zibeka abantwana emngciphekweni. ITrust isoloko ithatha indima yokuxhasa abantwana abanabazali abachatshazelwe ziziyobisi notywala, iqinisekisa ukuba basafumana inkxaso, ukhuseleko nemfundo abayidingayo.”
Njengoko inyanga yeKhala iyinyanga kaNelson Mandela, umsebenzi weGrassroots Educare Trust uhambelana ngokusondeleyo neenkolelo zalowo wayesakuba nguMongameli uNelson Mandela.
“INyanga kaNelson Mandela likhwelo lokuba sibonise abanye uvelwano neenjongo ezintle. Umsebenzi wethu ubonakalisa iinkolelo ezinxulumene nelifa likaMandela: isidima, inkathalo, ukuphuhliswa koluntu kunye nenkolelo yokuba utshintsho lokwenene luqala kwinqanaba eliphantsi,” uqukumbele watsho uFunani.