EYEKHALA 2026 UHLELO 2

IILETA EZIYA KUMHLELI

Molweni kwaVuk’uzenzele

Ndiza kufaka isicelo sokubhukishela idinga lokufaka isicelo seID eBukrelekrele (Smart Identity Document) ePolokwane, kodwa andikwazi ukufumana ikhonkco elichanekileyo lokubhukisha.

Ungakwazi ukundincedisa?

Enkosi.

Ozithobayo,

Ephraim

 

 

 

Molo Ephraim,

Enkosi ngokuqhagamshelana ne Vuk’uzenzele.

Ungabhukisha ixesha ledinga lokufaka isicelo seSmart ID ngeqonga elisemthethweni le-intanethi leSebe leMicimbi yezeKhaya kule dilesi ilandelayo: https://ehome.dha.gov.za/ehomeaffairs

Emva kokuba ubhalisile, ungasigqibezela isicelo sakho uze ubhukishe ixesha ledinga kwiofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya ekufutshane nawe.

Ozithobayo,

Vuk’uzenzele

General
Share this page