Abanini
beevenkile zespaza abafuna ukukhulisa amashishini abo banokufaka isicelo senkxaso kwiNgxowamali yeNkxaso yeeVenkile zeSpaza. Yasungulwa ngowama2025 liSebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinci (DSBD). Le Ngxowamali ijolise ekuxhaseni iivenkile zespaza ezifanelekileyo nezinye iindawo eziphatha okanye ezithengisa ukutya kulo lonke elaseMzantsi Afrika. Le nkqubo ijolise ekuncedeni amashishini asezilokishini nasezilalini ukuze akwazi ukuphucula indlela asebenza ngayo, andise amandla awo okukhuphisana, adale amathuba emisebenzi aze abe negalelo nakuphuhliso loqoqosho lwengingqi.
Le Ngxowamali ibonelela amashishini afanelekileyo ngenkxasomali efikelela kwiR100 000. Inkxasomali engaphezulu kweR50 000 ibonelelwa ngendlela equka isibonelelomali esingama50% kunye nemalimboleko engama50%. Le nkxasomali ingasetyenziselwa ukuphucula iivenkile, uqeqesho lweshishini nokuthenga isitokhwe.
Abanini bamashishini abanqwenela ukufumana le nkxasomali bayakhuthazwa ukuba balandele la manyathelo alandelayo:
Inyathelo 1: Qinisekisa ukuba ishishini lakho lifanelekile
Ngaphambi kokuba ufake isicelo, tyelela iwebhusayithi yeNgxowamali, uze ufunde iimfuno zokufaneleka ukuze uqinisekise ukuba ishishini lakho lifanelekile kusini na ukufumana inkxaso.
Ukuze ishishini lifaneleke, umnini wevenkile yespaza eso kufuneka abe ngummi woMzantsi Afrika okanye abe wafumana ubumi boMzantsi Afrika ngokusemthethweni phambi kowama1994. Ishishini kufuneka liqhutyelwe elokishini okanye kwindawo esemaphandleni yaye ibe lishishini elibonelela ngeenkonzo eluntwini lwengigqi elakhelwe kuyo.
Kwakhona, ishishini kufuneka libe libhalisiwe kumasipala wengingqi ngokungqinelana nemithetho kamasipala nemiqathango efanelekileyo yokukhutshwa kweemvume. Ukongeza, abafakizicelo kufuneka babe bebhalisiwe kwiNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) okanye bafaneleke ukufumana ixesha lotshintsho leenyanga ezintandathu.
Iivenkile zespaza kufuneka zithobele yonke imithetho efanelekileyo, kuquka iimfuno ezinxulumene nokuphathwa kokutya, impilo nokhuseleko. Umnini kufuneka abe nguye olawula ishishini imihla ngemihla.
Inyathelo 2: Qokelela amaxwebhu afunekayo
Abafakizicelo kufuneka baqokelele onke amaxwebhu axhasa isicelo ngaphambi kokuba baqalise inkqubo yokufaka isicelo kwiintanethi. La maxwebhu aquka:
-
Ikopi eqinisekisiweyo yesazisi saseMzantsi Afrika.
-
Amaxwebhu okubhaliswa kweshishini.
-
Ubungqina bedilesi yeshishini.
-
Ubungqina bokuba ivenkile yespaza okanye indawo ephatha okanye ethengisa ukutya iyasebenza.
-
Amaxwebhu aqinisekisa iakhawunti yebhanki.
-
Imvume yokuqhuba ishishini ekhutshwe ngumasipala.
Abafakizicelo abafuna inkxasomali engaphezulu kweR80 000 kuza kufuneka kwakhona babhalise kwiKhomishini yeeNkampani nePropati yoBukrelekrele (Companies and Intellectual Property Commission – CIPC) zingekapheli iinyanga ezintandathu emva kokufumana inkxasomali.
Inyathelo 3: Ngenisa isicelo sakho kwi-intanethi
Emva kokuba uqokelele lonke ulwazi namaxwebhu afunekayo, ungangenisa isicelo sakho ngeqonga leintanethi elifumaneka ku: https://systemsnew.sefa.org.za/SMMEPortal/
Abafakizicelo kufuneka baqinisekise ukuba lonke ulwazi abalunikezileyo luchanekile kwaye onke amaxwebhu axhasa isicelo afakwe ngokuchanekileyo.
Inyathelo 4: Linda ukuvavanywa kwesicelo sakho
Izicelo ziza kuvavanywa ngokuhambelana neemfuno zale nkqubo. Kusenokuqhagamshelwana nabafakizicelo ukuba ngaba kukho ulwazi olongezelelekileyo olufunekayo ngexesha kuqhutywa le nkqubo yovavanyo.
Amaqela aza kunikwa ingqwalasela ephambili
Le Ngxowamali inika ingqwalasela ephambili koosomashishini abaselula abaneminyaka ephakathi kwe18 nama35 ubudala, amashishini aphantsi kobunini babasetyhini, kunye namashishini aphantsi kobunini babantu abaphila nokukhubazeka.
Olu lwazi lunikezelwe yiNgxowamali yeNkxaso yeeVenkile zeSpaza: www.spazashopfund.co.za
Ufuna uncedo?
Ukufumana uncedo oluthe ngqo malunga nezikhokelo zale nkqubo okanye ukubuza imibuzo:
• Tsalela umnxeba ku:011 305 8080 • Thumela i-imeyile ku: spazafund@nefcorp.co.za